//
you're reading...
Uncategorized

Lyrics for The One Love Movement on Bantu Biko Street Album

simphiwedana3


Bantu Biko Street

“A people without a positive history are like a vehicle without an engine. Their emotions can not be easily controlled and channelled in a recognizable direction. They always live in the shadow of a more successful society.
Black Consciousness is not a negative, hating thing. It’s a positive black self-confidence involving no hatred of anyone, not even the Nats – only of what they represent.

The first step therefore is to make the black man come to himself; to pump back life into his empty shell; to infuse him with pride and dignity, to remind him of his complicity in the crime of allowing himself to be misused and therefore letting evil reign supreme in the country of his birth. “ Steve Bantu Biko

chorus:

Noba esisipaji

Singenayw’ imali

Ndosiphatha xa ndihamb’ eBantu Biko Street

Wathi qala ngaphakathi

Noba esisiqhova

Singenasidima

Ndosithwala dade
Andinakuxelelwa

Ngugi wandifundisa

verse1:
Andinayw’ imali

Yokuthenga zonke
(Ezazizezam azikhw’ eZazulwana)
Kodwa ndakuthusa
Xa kuthiwa makuyiwe
(Kudala ndiw’ gangatha kuphil’ akuthengwa)

Akuthengwa
(Kuphil’ akuthengwa)
Yintoni leyo
(Kuphil’ akuthengwa)

Khuza wena
Asinakuyazi, hayi isimanga

Nawe Mongameli
Xa ubon’ abantu bakho
(Unqandwa yintoni ungaphilis’ isizwe)
Wena Mongameli
Fundis’ abantwana bethu
(Nants’ intw’ esay’ lwela ungathi ulibele)

Sihamba nzima
(Sihamba nzima)
Siyazama
(Sihamba nzima)
Khuza wena
(Ngathi sowubon’ indifanele le ndawo)

(chorus)

verse2:

Sizwe esimnyama
Soya njalo phambili
(Soya njalo phambili xa sime sibanye)
Sizwe esintsundu
Ungayek’ ukukhathala
(Kungaba kuphelile xa ungakhathali)
Wawukhona
(Wawukhona)
Besithathela konke
(Wawukhona)
Sakhal’ inyembezi
(Thina sobabini sivela eGolgotha)

Emaphupheni nasezitoyitoyini
(Singa singahlala siyikhangela ihambo)
Ezingcingeni nasezinkonzweni
(Siyakuzinceda siyikhangele ihambo)
Hamba njalo
(Hamba njalo)

Sukoyika
(Hamba njalo)

Ngoba kufanele
Zincede khawuleza lingekatshon’ ilanga

(chorus)
end

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

Sizophum’ elokishini
”But townships were never our homes, Mandingo! This is where the butchers that were the architects of the horror that was apartheid sent us to die of disease, filth and self-hate” – Eric Miyeni: The Only Black at a Dinner Party

chorus:
Saphuma sihlupheka
Sashiy’ indlala
Siphethe inyembezi
Ezeminyaka
Siyabuza kungani
Sizwe esimnyama
Sihlala sihlupheka

Sihlala sihlupheka

Sizophum’ elokishini
Sizohamba kule ndawo

Sasizokumb’ igolide
Sadibana nempambano
Sizophum’ elokishini

Elixesha selilide
Sasizokumb’ igolide
Hayi hayi isiphambano

verse1:
Sandifikela sa…
Isiphambano

Sandichana ndingalindelanga
Isiphambano
Ndafik’ eGoli
Ndizokusebenza
Sandifikela sa…
Isiphambano

Sendimile andizazi ndizokwenza njani
Andinayo nemali
Ngathi sekuzofanele ndithembe
Izandla zam zindinyule
Sandifikela sa…

Isiphambano

(chorus)

verse2:

Ungakhali sula
Ezonyembezi
Sekusele ixeshana nje
Idlule le ndebe
Ngob’ izinto zonke zonke ziyadlula mbhem
Ungakhali sula
Ezonyembezi

Wena wandikhulisa
Wandenz’ inqaba ndisisithembiso sakho
Ungayeka ukunkqonkqoza mna ndikhona

Ungangavulwa lo mnyango
Ungakhali sula
Ezonyembezi

(chorus)
end…

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

Sebenzile

chorus:
Ngekhe ngekhe ndiy’mele
Lento lent’ oyenzayo
Phuma kuyo lo ndawo
Ndawo yakhw’ isekhaya
Sijonge ikusasa
Elikhanya njengelanga
Ngekhe ngekhe ndiy’mele
Xa udel’ indima yakho

verse:
Ndinesipho
Esinguwe
Iqhayiya ndalifel’ ekhalvari yam
Wakhula sipho sam

Ndingasekho
Sekusele ivumba lenjongo yam
Kufanel’ uy’khangele siye phambili

Sonke sonke
Sidaliwe

Sangafana kuze sidingane
Lontw’ ay’theth’ ukuthi asilingani
end

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

Iifestile zegolide

verse1:

Kwakukho
Ibali lomfana owaye…

Jonge Ngaphaya

Kwaphuma
Ilanga wasinga entshonalanga

Wakhuz’ akufika ebona ilang’ e…
Festileni
Nantso igolide
Isemehlweni akho
Wen’ uyigolide
Hay’ ubuhle bakho
Hay…

Themba wena
chorus:
Bonke baxhentsa ngamandla
Awaphekwa iminyaka
Wen’ uth’ uzokwenza njani
Xa udela awakho
Minyaka yengcinezelo
Yasithathela Amandla
Yasithathela uBuntu
Sadelela ihambo
Hay…

Sayidela ihambo

verse2:
Phupha lam
Kuba nonke nibone ngamehlo am
Ndibon’ amazulu kuye
Wazalwa wahlala ezandleni zalowo wamdalayo
Aniboni na

Wathunywa
Wafunjathiswa ubukhulu boLuntu lwakhe
Zenimfundiseni
Ubukhulu bakhe
Zenimmameleni
Waz’ indlela yakhe
Uyayaz’ indlela yakhe

(chorus)
end

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

Iliwa lam

Ezinzulwini zobusuku
Xa lufik’ uloyiko lwam
Uyandinika Amandla

Wena uliliwa lam
Andinoyika
Nto uhleli nam
Wena uliliwa lam

chorus:
Uliliwa lam
Xa ndikhathele

Xa ndoyisiwe
Uliliwa lam

verse 2:
Njengoba ndikude ndikude
Ndikucinga njalo uyazi wena sithandwa sam
Asinaxesha eloneleyo
Ndikucinga njalo uyazi wena sithandwa sam
Sowuhlala ungadinwa

Uyintando yam uyazi wena sithandwa sam

Xa undikhumbula
Uzukhumbule
Nguwe kuphel’ iliwa lam

(chorus)
end

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

The One Love Movement:  Umthandazo Wase Afrika
Part 1

Sonini nanini

chorus:
Tyhini kutheni na
Ngathi nis’libele
Ilizwe liyafa sicel’ ulwazi
Ngoba silibele

Mna ndiyasondela
Ndiyasondela
Sondela Moya

verse1:
Siyabuza
Usilibele na
Sondlale ngengubo eluhlaza
Imithandazo yethu phezulu
Kwehlabathi lonke
Masizuze ukukhanya
Mabudede ubumnyama
Masizuze ukukhanya
Mabudede ubumnyama
Sicule ingoma yabantwana be Afrika entsha

verse2:
kwasekuqaleni
Kwasekuqaleni Naphakade
Wawukhona

Kwasekuqaleni Naphakade
Ubukhulu bakho
Ububanzi bakho
Ubunzulu bakho
Sendalilibala
Idinga lam nawe Naphakade
Sendalilibala

Idinga lam nawe Naphakade
Sendiyasondela, isizalo sakho, abantwana bakho
Bheka Moya
Sendiyasondela, isizalo sakho, abantwana bakho
Bheka Moya
Ndi…yasondela Moya
Bheka Moya
end…

 

Composer:

SIMPHIWE DANA

Authors:

Simphiwe Dana, Dineo Pule, Prokid

2007

The One Love Movement:  Umthandazo Wase Afrika
Part 2

Naphakade

chorus1:
We Naphakade
Kwazi wena kungani
We Simakade
Kwazi wena kungani
Sinjenje e Afrika
Kunjenje

Ubukhulu bakho
Ububanzi bakho
Ubunzulu
Sendalibala
Idinga lam nawe
Emakhaya
Kunjenjenje
Emakhaya kunjenjenje

verse1:
Sasinoku….hlala nawe
Phantsi Kwelanga
Phezu kwentaba
Sobabini

Ndize nje
Ndize

Wandifundis’ ukuba ngumgcini
Mgcini wamaxesha
Nantsw’ indlela yam
Ibhaliwe
Ibhaliwe

chorus2:
Isililo sabo
Njalo ndihamba naso
Isililo sabo

Njalo ndihamba naso
Mini zonke
E Afrika
Kunjenje

Uzusikhumbule
Isizalo sakho
Sikhumbuze
Sesalibala
Idinga lethu nawe
E Afrika kunjenjenje
E Afrika kunjenjenje

verse2:
Ungandishiyi
Sundifulathela
Andinamagama
Ungubani Kum
Ndaz’ andiphelele
Ndingakuv’ uhamba

Sekungamaxesha
Emvuselelo
Mbalel’ ibhokile
Bheka Simakade
Sihlala soyika
Ubukhulu
Sihlala soyika
end…

 

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

Uzobuya nini

verse1:
Umfan’ onengqondo
Wayaz’ indlela e…
Bhek’ emasimini
Eyokuvuna injongo
Wahamba noNxele
Wahamb’ akabuya
Wahamba nelanga
Sihlel’ emnyameni

verse2:
Ndize ndakhwel’ ibhasi
Ndazokukhangela
Ndizoqala ngaphi
Ukukukhangela
Ndaze ndakhumbul’ amaphupha am
Ndahlala eGoli

Xa ndihamba indlela yam
Mehlwen’ adlulayo
Ndohlala ndikukhangela
Ndizokukhangela
end…

 

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

Ihilihili

verse1:
Xa litshona namhlanje
Andizazi ndoba phi
Ndihilizile na
Babelana ngekhaya lam

Xa etshon’ amalanga
Ndobe ndingubani na
Ndihilizile na
Babelana ngegama lam

chorus:
Ulihilihili
Wavula zibhuq’ ukhona mnt’ ontsund’

Ulihilihili

verse2:
Ndandinesithethe sam
Esasiyihambo yam
Babon’ imbola qha
Ababubon’ ubuntu bam
(Kulapho ndahlutywa konke,
ndasala nekhoba lentw’ ebendiyiyw’ izolo)

Ndingakuphendula njani
Ndingenamsindo ngenxa yenkumbulo

Xa ufun’ igama lam
Andinanto ndinegama qha
end…

 

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

Zundiqondisise

verse1:
Awulilo iphupha lam
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Ungelilo izimba lam
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Zange ndathi andinako
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Nguwe owandenz’ usana
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Ndinendlela yam yokuphuma
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Ndinendlela yam yokungena
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Ndinendlela yam yokuthetha
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Ndinendlela yam yokundiza

verse2:
Awunguwo uvimba wam
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Ungeyiyo indima yam
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Zange ndathi andazi nto
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Nguwe owandenz’ iqaba
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Ndinendlela yam yokuthetha
(Zundiqondisise, zundiqondisise)
Ndinendlela yam yokubhabha
end…

 

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

Injongo

verse1:
Yinjongo endivus’ ekuseni
Yinjongo endivusayo
Yinjongo endinika ini
Yinjongo xa ndiy’nyuk’ intaba yam

Yinjongo endifak’ emaweni
Yinjongo endinyulayo
Yinjongo ndilandel’ ihambo
Injongw’ eyandibonisa
He eh yandibonisa

chorus:
Ndiyakholwa kuyw’ ihambo yam
Ndizoy’mela nangamax’ anzima
Xa ndisiwa ndivuka pho undijongile

verse2:
Yinjongo eliqabane lam
Yinjongo endimelayo
Yinjongo eqinis’ umoya
Yinjongo xa ndiphelelwe

Yinjongo evuthel’ umlilo
Injongw’ iyawuvuthela
Injongo ithi asiphelel’ apha
Injongo ithi phambili

Ithi phambili

(chorus)
end…

Composer and Author:

SIMPHIWE DANA

2007

Advertisements

About Simphiwe Dana

Musician, Writer, Activist, Mom

Discussion

No comments yet.

Leave a Reply

Fill in your details below or click an icon to log in:

WordPress.com Logo

You are commenting using your WordPress.com account. Log Out / Change )

Twitter picture

You are commenting using your Twitter account. Log Out / Change )

Facebook photo

You are commenting using your Facebook account. Log Out / Change )

Google+ photo

You are commenting using your Google+ account. Log Out / Change )

Connecting to %s

Categories

Simphiwe Dana’s Archives

There was an error retrieving images from Instagram. An attempt will be remade in a few minutes.

Music

My Community

Follow me on Twitter

%d bloggers like this: